Ndandiye, Ndandiye
Ndandiy' estishini
Ndilinde uloliwe
Ndabona uMakhaya eme nentombi yakhe
Ndambuz' umbuzo wamnye
Azang' andiphendule
Ndasitsho isikhalo u'bheka kumama wakhe
Ndanqika kula mbiza
Ndafika kuxatyanwa
Imesi nefolokhwe, udampulensi uyathukisa
Inyam' ibeth' umhluzi
Umhluz' uyabaleka
I don', I don', I don', I don', I don', I don', I don'
Who's it?
Ezi zingoma, amagwijo namaculo wesiNtu. Ziculwa emombelweni, emixhentsweni, emigidweni, emiguyweni, emingqungqweni nasemityityimbweni. Kukho namaculo aculwa ngabantwana xabedlala. Isikweko sivamile kwezingoma, kuba siyinto ethandwa kakhulu ngamaXhosa. Ezinye zichaphazela izinto ezehlela uluntu, ezinje ngoMzabalazo wabaNtsundu. Eli liphulo lokuqinisekisa ukuba iMbali yamaXhosa ayitshabalali kodwa ikunye nobuChule zizakugcinwa, zibhalelwe izizukulwana ezizayo.
Thursday, 2 October 2014
Ndandiy' estishini
Labels:
estishini,
ibetha,
Imesi nefolokhwe,
Inyama,
isikhalo,
kuxatyanwa,
mbiza,
Ndambuza,
Ndandiye,
Ndanqika,
Ndasitsho,
Ndilinde,
nentombi,
udampulensi,
uloliwe,
uMakhaya,
umbuzo,
umhluzi,
uyabaleka,
uyathukisa
Subscribe to:
Post Comments (Atom)
No comments:
Post a Comment