Nqo, nqo, nqo wabeth' useveni
Nqo, nqo, nqo wabeth' useveni
Ndifikelwe yileta phezolo
Echaz' uNoziz' ubhubhile
Ubhubhele ngasesibhedlele
Enxib' inayth' ebomvu
Egqum' amabele ngekharbodi
Egqum' impundu ngoqhoqhoqho
Ngoqhoqhoqho, ngoqhoqhoqho
ngoqhoqhoqho
Enges' emnandi umngcwabo wakhe
Usithi:
Ngo1980
eNew Breyton [New Brighton]
Kwaf' abantu
Estishini
Babe bulawa
Ngamabhulu
Es'khathaza
Estishini
Ndiyekelele
Ndihambe ndodwa
Phezu' kwamafu
Ndofela khona (Ndofela khona)
By sure!
Ezi zingoma, amagwijo namaculo wesiNtu. Ziculwa emombelweni, emixhentsweni, emigidweni, emiguyweni, emingqungqweni nasemityityimbweni. Kukho namaculo aculwa ngabantwana xabedlala. Isikweko sivamile kwezingoma, kuba siyinto ethandwa kakhulu ngamaXhosa. Ezinye zichaphazela izinto ezehlela uluntu, ezinje ngoMzabalazo wabaNtsundu. Eli liphulo lokuqinisekisa ukuba iMbali yamaXhosa ayitshabalali kodwa ikunye nobuChule zizakugcinwa, zibhalelwe izizukulwana ezizayo.
No comments:
Post a Comment