Ezi zingoma, amagwijo namaculo wesiNtu. Ziculwa emombelweni, emixhentsweni, emigidweni, emiguyweni, emingqungqweni nasemityityimbweni. Kukho namaculo aculwa ngabantwana xabedlala. Isikweko sivamile kwezingoma, kuba siyinto ethandwa kakhulu ngamaXhosa. Ezinye zichaphazela izinto ezehlela uluntu, ezinje ngoMzabalazo wabaNtsundu. Eli liphulo lokuqinisekisa ukuba iMbali yamaXhosa ayitshabalali kodwa ikunye nobuChule zizakugcinwa, zibhalelwe izizukulwana ezizayo.
Friday, 30 September 2016
UNomaza
UNomaza yintomb' enjani?
Yintomb' emhlophe
Wendele phi na?
Wendel' egqwetheni
Zingaph' iinkomo?
Zis'bhozo kuphela
Bathin' abazali
A'kho kuthetha
Wendile. Wendile.
Wendil' uNomaza!
Wendile. Wendile.
Yendil' intomb' yam!
Saturday, 24 September 2016
UNonkala
Ndiyekeleni ke nina
Animbon' unonkala
(UNonkala ngasemlanjeni)
Wadidizelu
(unonkala)
Wadidizelu
(unonkala ngasemlanjeni)
https://www.youtube.com/watch?v=RN7gYTL5sJo
Friday, 23 September 2016
Impuku nekati
Labels:
Cula,
iculo,
Impuku,
Ingoma,
isiXhosa,
nekati,
ngoma,
Xhosa,
Zithi. Nyawu,
Ziyaleqana
Thursday, 22 September 2016
Asimbonanga
Asimbonanga
Asimbonang' uMandela thina
Laph' ekhona
Laph' ehleli khona
Asimbonanga
Asimbonang' uMandela thina
Laph' ekhona
Laph' ehleli khona
https://www.youtube.com/watch?v=BGS7SpI7obY
Asimbonang' uMandela thina
Laph' ekhona
Laph' ehleli khona
Asimbonanga
Asimbonang' uMandela thina
Laph' ekhona
Laph' ehleli khona
https://www.youtube.com/watch?v=BGS7SpI7obY
Labels:
Asimbonanga,
Cula,
culo,
Ingoma,
isiZulu,
Nelson Mandela,
ngoma,
South Africa,
Thina,
Xhosa,
Zulu
Wednesday, 21 September 2016
Tshomi, Tshomi
Tshomi, tshomi
Zungandigili
Nd'zodumb' inyeke
Tshomi, tshomi
Zungandigili
Nd'zodumb' inyeke
Ndik'xele kumama
Tshomi, tshomi
Zungandigili
Nd'zodumb' inyeke
Friday, 16 September 2016
Imfene mama
Imfene, mama
Imfene yamthabath' umntwana
Yamphosa engxeni
Thula mama, tu
Imfene mama
Imfene yamthabath' umntwana
Yamphosa engxeni
Thula mama, tu
Khaw' thule, mama
Thula, thula, mama
Thula, thula, mama,
Thula yithi, tu
Khaw' thule, mama
Thula, thula, mama
Thula, thula, mama,
Thula yithi, tu
Imfene yamthabath' umntwana
Yamphosa engxeni
Thula mama, tu
Imfene mama
Imfene yamthabath' umntwana
Yamphosa engxeni
Thula mama, tu
Khaw' thule, mama
Thula, thula, mama
Thula, thula, mama,
Thula yithi, tu
Khaw' thule, mama
Thula, thula, mama
Thula, thula, mama,
Thula yithi, tu
Labels:
Children,
Cula,
Eastern Cape,
Imfene,
Ingoma,
isilwanyana,
isiXhosa,
Mama,
ngoma,
Song,
South Africa,
thabatha,
thula,
Transkei,
umntwana,
Xhosa,
yithi tu
Akasefishe
Akasefishe
Uqin'sekile
Kodw' amathamb' athe vonqo, vonqo, vonqo
Akasefishe (athe vonqo)
Uqin'sekile (athe vonqo)
Kodw' amathamb' athe vonqo, vonqo, vonqo
Iyho (athe vonqo)
Iyho (athe vonqo)
Iyho iyho athe vonqo, vonqo, vonqo
Uqin'sekile
Kodw' amathamb' athe vonqo, vonqo, vonqo
Akasefishe (athe vonqo)
Uqin'sekile (athe vonqo)
Kodw' amathamb' athe vonqo, vonqo, vonqo
Iyho (athe vonqo)
Iyho (athe vonqo)
Iyho iyho athe vonqo, vonqo, vonqo
Labels:
Akasefishe,
amathambo,
Children,
Ciskei,
Cula,
Eastern Cape,
Gqaphu,
Ingoma,
isiXhosa,
Song,
South Africa,
Transkei,
Umdlalo,
Uqinisekile,
vonqo,
Xhosa,
Yomdlalo
Subscribe to:
Posts (Atom)